16 BONA XHOSA - September

Umsebenzi
kaZola
Awuphelelanga
Ekusasazeni
Kumabonakude!

Unxityiswe yIFAITH ORIGINAL CLOTHING
Iinwele zilungiswe ngabakwaHAlR IT IS
Irnake-up yenziwe nguMAVIS TSHABALALA


Ukuphulukana nabazali bakhe bobabini eseneminyaka eli-1O
kwamkhuthaza uZola Kananda-Makai ukuba afune okuphambili ebomini.; Ukuzimisela kwakhe kumenze waziphumelela izinto obezifuna ebomini. Kubalisa uWILLIE BOKALA, kufote uLUCKY NXUMALO.
KUYACACA ukuba ulutsha olunqwenela	-
ukulandela ekhondweni LikaZola Kananda-Makai ongumsasazi kwiTV
nokwayiBusiness lnteligence Analyst akunakuba lula. Kodwa eli gqiyazana lithi kulula - kufuneka ulutsha lwazi apho lujolise khona, lube nosukelo ebomini luze ke lunqandwe ziinkwenkwezi.
Phofu ke yena uyazi ukuba uthetha ngantoni. Uzenzele umsebenzi onganqwenelwa naliliphi na inenekazi elakhe laphelelwa lithemba kuba kunzima.
Uninzi olumbonileyo lwamthanda lo msasazi kwiTV kukho icala elingalaziyo lokuba uneCV ebonisa ukuba ngumntu onempumelelo nokhe wenza imisebenzi ephambili kwiinkampani ezininzi.
Uye wayicomputer programmer (kwaHulett Atuminium), ianalyst programmer (kwaAnglovaal), ibusiness analyst (kwaEdgars), isenior programmer (kwaTongaat Hulett Sugar), imarketing communications executive (kwaSABC Commercial Services), ngoku uyiBusiness Intelligence Analyst ekwangomnye weendwalutho kwaAnglovaal.
Ukhe wasasaza inkqubo yeTV ethi 526 nethi Era ekuziinkqubo zamanenekazi. Nakuba enye.yeenkqubo zakhe ethi Sekunjalo iyekiwe ukusasazwa kwinyanga ephelileyo, uzama ukuba endaweni yayo kufakwe inkqubo eza kufundisa uluntu ngemali nokwenzeka kwistock exchange.

Ndicinga ukuba oku kuza kuba yinto entle. Abantu abaziqondi ezi zinto, ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba zisasazwe kwiinkqubo zikamabonakude. Nam lo zininzi izinto endingazaziyo...izinto ezinjengetrade, iibonds neelocal shares, iDow Jones nezinye izinto
ezinxulumene norhwebo.
UZola ongumntwana wesine kubantwana abane, uzalelwe eWitbank. Ukuba yinkedama kwakhe ene-1O leminyaka akazange akuvumele kube ngumqobo ekubeni azikhethele umsebenzi omhle. Unina wazibulala ngo. 1966, kanti uyise yena wasweleka ngo-1967.
Ukusweleka kwabazali bam kwaba lilishwa. Kodwa ndiyacinga ukuba kuko okwandinika ifuthe. Umama wazibulala, ndaba lusizi ndizibuza isizathu sokuba akhethe ukwenjenjalo. Ngoku ndiyaqonda ukuba ukuba wayefundile, esenza umsebenzi omhle ukuze akwazi ukusondla, ngathi wayengazange acinge ukuzibulala. Oko kwandenza ndaqonda ukuba kufuneka ndifundele
umsebenzi endinokuphila ngawo, kungakhathaliseki ukuba kunjani.
Ndandingasayi kuyeka de ndikufumane oko,nditsibe imiqobo ndize ndifumane
Usukelo lwam.  Wathi xa umtshato wam wokuqala ungaphumeleli, andabi nangxaki yokuwuqhawula kuba ndandisebenza. Ndinako ukuziphilisa.
Kuloo mtshato, uZola wafumana amawele, uThamsanqa oyinkwenkwe noNomathamsanqa oyintombazana. Uhlala nabo nendoda yakhe yesibini uFrancis kumzi wabo oseOakdene eJohannesburg.
Ndidibene nayo ngaba bantwana. Babefunda behlala esikolweni apho wayesebenza khona bandicela ukuba ndimmeme. Ndakwenjenjalo ndabhaqa ukuba kukho umtsalane kolu tyelelo lungaqhelekanga. Kodwa mna ndimdala kunaye yaye abantu bacinga ukuba umtshato onjalo awuphumeleli. Kodwa sazama ngoku sonwabile.
Ukususela ekukhuleni kwakhe uZola etsala nzima, ukuzimisela kwakhe kwamenza waphumelela kumabanga aphantsi eWitbank nakwisikolo semfundo ephakamileyo eBenoni naseSprings phambi kokuba aye kufunda kwiVunivesithi yaseZululand isidanga seBachelor of Science (Mathematics). Likwanesiqinisekiso seSystems Analysis, esesystems Design, eseDale Carnegie Public Relations, Assertivenes, interaction, Business Communcation and Principles of Marketing.
Phezu kwako konke oku usazithobile ngendlela anxiba naziphatha ngayo. Ukhuthaza ulutsha ukuba luzimisele  ukuphumeza lukhulu ebomini.
Kufuneka lube nethemba, luzame, Kufuneka lube nabantu abayimizekelo kulo kuba oko kulinika ifuthe lokufana nabo okanye elokuphumeza okungaphezu kokuphunyezwe ngabo.
Akukho mntu unokuphikisa ukuba ukrele-krele kwimisebenzi ayenzayo nayikhethileyo.
Okufunekayo kukuzimisela. Emva kokusweleka kwabazali bam ndaya kuhlala kwamalume eBenoni. Ndazimisela, nkqu naxa ndingenamali, ndandisiya esikolweni Yiloo nto kwandithatha iminyaka
emihlanu ukufumana isidanga sam. Kwafuneka ndifunde ndiphangela de ndazigqiba izifundo zam zaseyunivesithi.
Uthi ukuba unokunikwa ithuba lokutshintsha ubomi, ebengenakwenjenjalo kuba ziinzima ezambeka kwindawo akuyo. Ude athi unenkolo yokuba ukusa abantwana bakhe kwizikolo ezingezizo ezikarhulumente nezexabiso eliphezulu kungafana nokubakhupha kwinto yokwenyani.
Ndifuna baqhelane nabanye abantwana bamahlwempu. Oko kunokubabonisa ubomi. Kufuneka babuve ubunzima. Ukudibana naboo bantwana kuya kubanceda babe noBuntu obusihlanganisayo.
UZola usebenza njengeBusiness lntelligence Analyst kwiofisi yakhe.Inkosikazi enosapho kunye nendoda yalo, uFrancis, mhla batshata bakunye nabantwana babo, uThamsanqa noNomathamsanqa.
Eli nenekazi lifote phambi kwemoto yalo. 

18 BONA XHOSA - September 1997

EBUDENI beeholide zobusika kubikelwe iBONA kusithiwa:
Khaningenelele. Abantwana bethu phambi kokuba kubhalwe iimviwo zikajuni banikwa isitofu sepoliyo. Kodwa ngoku esikubonayo ngabantwana ababolayo - nevumba elinganyamezeleki lokubola...
Sanikwa inani labali-17 abalimeleyo. Sikhawuleze saya apho safika kukhal ibhungane esikolweni. Singanqandwa-mntu sizulazule kwilali ekufutshane neResidence Primary School kuTsolo.
lntwazana uNomphiwe Stemela (ominyaka mi-5) ubenethamsanqa kunabanye abantwana kuba emva konyango esibhedlele uye wachacha. Naye njengabanye abantwana eAesidence Primary watofwa ngumongikazi engafumananga mvume kubazali bakhe.
Ethubeni bathi baxelelwa ukuba babenikwa isitofu sepoliyo. Bonke abaguli batofwa kusikrotyana. Umakhulu kaNomphiwe uMaDhlomo, esityebisela uthe:
Ngale mini batofwe ngayo uNomphiwe ubuye encwina esithi kubuhlungu ezimpundwini. Sayihlola le ndawo saza sabona iqhuma elaliqhubeka lidumba. Simbalekisele eklinikhi baza bathi masimse eNgcolosi (St Lucys) Hospital.
ENgcolosi unikwe isithambiso kwaneepilisi ezidambisa iintlungu. Wafakw ibande kwelo qhuma. lngxaki iqale sakufika ekhaya. Ngenxa yeentlungu akazange alale. lintsuku ezimbini kamva elo qhuma labhidlika, indlu yonke yatsho ngevumba elibi lokubola. Kwakunuka!
Kwindawo eyayineli qhuma kwavuleka umngxuma, uqhubeka uphuma ubofu obunukayo. Ishiti awayelele kulo lalinamathela kwesi silonda, nokulisusa kwakungumsebenzi obang iintlungu.
Aba bongikazi mabanqandwe bengekabulali iintsana zethu!
Kwimizi nje embalwa ukusuka kwaDhlomo kuhlala abakwaGadeni onyana wabo ominyaka mihlanu uElisha  ebesese Ngcolosi Hospitaal xa besibhala. U Elisha Gadeni naye ube lixhoba xa bekutofelwa ipoliyo; naye etofwe kusikrotyana. De kube ngoku u Elisha ebekuphela kwexhoba esilifumene esibhedlele. UElisha ebekwimeko engaginyis mathe.
Kwakuvuleke umngxuma ubanzi kangangomnwe womntu omdala. Eli nxeba Iiye lacocwa, kodwa sithe sakumkhulula ibande kwiofisi yemeyitroni. kwavakal ivumba elinganyamezeleki!
Imeyitroni engazixelanga igama ixelele IBONA ukuba uElisha uthe akufika eNgcolosi Hospita! labe elo qhuma selibhidlikile, unokubona nje ithambo.
Okubona apha kungcono kunento ebeyiyo UElisha noko usindile kodwa ke ngoku uneChicken Pox, utshilo.
Obepheleka iqela leBONA ibingumhleli uDaizer Mqhaba ozenze umalume kaElisha. lndlela abuze ngayo uMnu Mqhaba ikrokrise abongikazi, abakhawuleze bazikhusela. Bathe:
abalazi igama lomongikazi okanye abongikazi ababetofa; bebengalazi kwaneqela eliye layokutofa abantwana kwesi sikolo; bathe abo bantu abasebenzi eNgcolosi Hospital, bona (njengabasebenzi) banyange nje abantwana abaziswe kubo.
Ayiphume-lelanga imizamo yokufumana iMEC yaseMpuma Koloni uGqr Trudie Thomas ukuba aphefumle ngalo mba xa besiyokushicilela ukanti nenqununu yaseResidence Primary School asiyibhaqanga kuba izikolo bezivaliwe, kuziholide zobusika.
Phofu ke, ititshala yaseResidence nengafunanga ukuzixela iqinisekise ukuba abongikazi abenze oku baphuma kwisibhedlele iNgcolosi, nabafundi abaye baguliswa sesi sitofu basiwe sisikolo eNgcolosi Hospital
ukuze bafumane unyango olungxamisekiieyo.
IBONA iza kuphanda ngalo mba de kuvele nyaniso.
Intlekele izala enye intlekele: UElisha Gadeni phezu kokuba ephuma ubofu kwisilonda esikusikrotyana, ngoku unechicken pox.
UNomphiwe Stemele
usibonisa inxeba elibuphola. lngcali ecelwe iqikelele imbangi yalo ithe lingangenxeba lokudutyulwa.

